Amalungu ecandelo leenkonzo zamathala eencwadi nolwazi kunye namanye amaqela anomdla ayamenywa ukuba onyule abagqatswa abafanelekileyo ukuba bathathelwe ingqalelo ukuba baqeshwe kwiBhunga leSizwe kwiiNkonzo zamaThala eeNcwadi kunye noLwazi (National Council for Library and Information Services) (NCLIS) ngokwemigqaliselo yomThetho weeNkonzo zamaThala eeNcwadi kunye noLwazi, 2001 (umThetho oyiNombolo yesi-6 ka-2001) kwixesha elisukela kumhla woku-1 Novemba 2006 ukuya kuma-31 Oktobha 2009.
Umsebenzi weBhunga kukucebisa uMphathiswa weSebe lezobuGcisa neNkcubeko kunye noMphathiswa wezeMfundo kwimicimbi enxulumene neeNkonzo zamaThala eeNcwadi kunye noLwazi (library and information services) (LIS) ukwenzela (a) ukuxhasa kunye nokuvuselela ezentlalo-qoqosho, ezemfundo, okwenkcubeko, ezolonwabo, uphando lwezenzululwazi, uphuhliso lobuchwepheshe kunye nolwazi kulo lonke uluntu elizweni; kunye (b) nokunika ufikelelo oluza nempumelelo kulwazi olubalulekileyo kumntu ngamnye ngendlela engabiziyo. Imisebenzi yeBhunga iquka, phakathi kwezinye izinto, ukwazisa kunye nokucebisa uMphathiswa uphuhliso noququzelelo lweeNkonzo zamaThala eeNcwadi kunye noLwazi elizweni.
Ifom yokonyula kufuneka iquke ezi ziHlomelo zilandelayo ukuze ithathelwe ingqalelo:
Ileta enika amagama apheleleyo kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano zomonyuli, echaza ukufaneleka komonyulwa ukuba aqeshwe ngokwemigqaliselo yendlela yokukhetha exelwe ngasentla, kunye namagama neenkcukacha zoqhagamshelwano zabantu abathathu bomonyulwa ekunokungqiniswa kubo.
Ulwamkelo olubhalwe phantsi lokwamkelwa konyulo ngumonyulwa.
Iinkcukacha eziqulethe ulwazi ngomntu (CV) ezimfutshane zomonyulwa, ezinika ulwazi ngomonyulwa phantsi kwazo zonke ezi zihloko zilandelayo:
a ITayitile namagama agcweleyo g Amava afunekayo b INOMBOLO YESAZISI h Imimandla yobugcisa c Ubumi i Ubulungu bemibutho, iiBhodi, njl. njl.
d Iinkcukacha zoqhagamshelwano ezigcweleyo ezangaphambile nezangoku e Isikhundla sangoku kunye negama lomqeshi j Isini f Iziqinisekiso zokufunda k Uhlanga
Nceda uqaphele ukuba ayilulo upapasho lwesithuba olu. Umvuzo wamalungu eBhunga uyakunyinelwa kwintlawulo yeendleko ezifanelekileyo zokuhamba kunye nezeziBonelelo xa umntu eye ezintlanganisweni kabini ngonyaka (ePitoli okanye kwamanye amaziko).
iNombolo yomNxeba. 323-5300 X254
iFeksi: 323-5287
